Imihobe YesiXhosa

Imihobe YesiXhosa yincwadi yengqokelela yemibongo ebhalwe ziimbongi
ezahlukeneyo. Ichongelwe ukufundwa kwiBanga 12 kwaye izalisekisa zonke
iimfuneko ze-CAPS.
Imihobe YesiXhosa:
• icwangiswe ngokwemixholo eyilwe lula nenesimo esilula
• iinkcukacha zobomi bembongi nganye zinceda abafundi ukuba bazi ubomi
bayo namaxesha ayo ukuze baqonde ngcono imibongo yembongi leyo
• inenkcazelo-magama yemibongo ekugqibeleni kwencwadi ukunceda
ukuqonda ngcono imibongo
• amanqaku okufundisa aya kunceda abafundi ukuba baqonde iingqiqo
ezifunwa yikharityhulamu ekufundisweni kombongo ngokupheleleyo
• inemibuzo neempendulo ukunceda abafundi ukuba baziqhelise imibuzo
nokumakisha iimpendulo zabo ngokusebenzisa iimpendulo ezicetyisiweyo
kwisikhokhelo ngokubanzi.
Le ngqokelela iya kunceda abafundi ukuba bahlalutye nzulu isihobe kwaye
baphumelele kwiimviwo.